Intlonelo Emtshatweni
Naphina apho kuhlangene abantu ababini nangaphezulu, ukuhlonelana kuhlala kuyintsika obo budlelwane obuxhathise ngayo. Intlangano yeendladiya ezingenambeko ayihambeli ndawo. Intlonelo luphawu lwamakholwa olutsho le nkolo azibiza ngayo ibe nomkhitha inqwenelwe ngababukeleyo. Esi sisimilo esisuka sosulele nabantwana abasibukele kubazali, nabo ufike besisasaza apho bakhoyo. Amandla embeko anqwa nomntu ozamlayo othi ezizamlela nje yena kusuke bonke abamngqongileyo bazibhaqe …



