Imbeko phakathi kosapho

Facebook
Twitter
LinkedIn
Imbeko phakathi kosapho

Kwizinto eziliqela nezakha usapho zilutsho lube luqilima, yimbeko.  Apha sithetha ngokuhloniphana okuqala kubazali de kuye kutsho ebantwaneni.

Le yindlela elowo nalowo athetha ngayo nabanye, ukukhathalelana, ukuxhasana, nokucingelana.

Le nto iqala kwindoda nomfazi, apho oyindoda ayiphatha inkosikazi njengomlingane, hayi intombi yakhe yamazibulo.  Enjenjalo nomfazi endodeni, angayiphathi njengomnye woonyana bakhe.

Ithi ke le ntlonelo yakwenzeka ubone nabantwana sebeyibonisa phakathi kwabo bengaxelelwanga, koko besosulelwa ngabazali.

Le nto itsho ke abazali kufuneke behleli bethe qwa kuba kaloku kukho lo mhlambi uza ngasemva ubabukeleyo. 

Bengathethanga ngamlomo, kodwa ngehambo nje le yabo, bafundisa abantwana ukuba kuthiwani na ukwakhiwa kwamakhaya a uqilima nawonwabileyo ngenxa yentlonelo nabazakuwakha ngomso.

Ngamana nakolu lwakho usapho le mbeko ibiyakuba ngumoya olawulayo noshiya ngasemva ivumba elimnandi.

Ukuba unga ungatsho ngoqilima lomtshato nongemki nje nomoya, incwadi yam u’Abasebabini ngoku banyamanye’ ilungiselelwe ukukunika loo mtshato. Ukuze uzuz’ulwazi ngale ncwadi, cofa apha.

INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.

Dr OT Mngqibisa

Cofa apha ukuze ufumane iintshumayelo zokukuvuselela

 

Qinis'umtshato wakho ngesi sikhokhelo

Share this post

Facebook
Twitter
LinkedIn
Picture of Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa is a preacher and marriage counsellor based in East London, South Africa. He helps preachers to refine their calling and couples to strengthen their marriage through his ministry, Kumanz'obom Ministries, with the purpose of promoting Christian principles in the community.

Keep Reading

WE’D LOVE TO connect with you

hello@kumanzobom.org

(+27) 71 956 3212