Naphina apho kuhlangene abantu ababini nangaphezulu, ukuhlonelana kuhlala kuyintsika obo budlelwane obuxhathise ngayo. Intlangano yeendladiya ezingenambeko ayihambeli ndawo.
Intlonelo luphawu lwamakholwa olutsho le nkolo azibiza ngayo ibe nomkhitha inqwenelwe ngababukeleyo. Esi sisimilo esisuka sosulele nabantwana abasibukele kubazali, nabo ufike besisasaza apho bakhoyo. Amandla embeko anqwa nomntu ozamlayo othi ezizamlela nje yena kusuke bonke abamngqongileyo bazibhaqe nabo sibelinganise bengaqondanga.
Emtshatweni khona kuthi kwakuhlonelwana entethweni kwintsebenziswano, kutsho kudake zonke iingxwabangwaba ezahlala ziphehluzelisa iindlavini emtshatweni. Bumnandi ubomi kumtshato apho elowo anikwe indawo yakhe.
Ukuba unga ungatsho ngoqilima lomtshato nongemki nje nomoya, incwadi yam u’Abasebabini ngoku banyamanye’ ilungiselelwe ukukunika loo mtshato. Ukuze uzuz’ulwazi ngale ncwadi, cofa apha.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa
Cofa apha ukuze ufumane iintshumayelo zokukuvuselela


