Uloyiko lomshumayeli akuma phambi kwabantu yinto yethu sonke. Naba wena ubabona sebetyhal’izifuba baqale kule ndawo; abazalwanga bengala magagu. Abanye kuthi bazezi zishwayimbana kuba bedalwe ngolo hlobo. Kanti ke abanye bona baba mbuna kuba bephethe izinto zika Thixo, zona ezahlala zifun’intlonipho.
Nokuba sisiphina isizathu solo loyiko, noko masingade sitsho obo butyutyusi bakho bukutsho de usizelwe nangabaphulaphuli.
Ukuncedisana nobu bubhetyebhetye unabo mana uzivalela egumbini, ube wedwa, uqingqe apho de ngathi sowuphambi kwabaphulaphuli.
Kwakhona tsibela lonke ilungelo olinikwayo lokushumayela. Le nto itsho uqhelane neqonga, luhle noloyiko lwamehl’wabantu.
Emva kwethuba nawe uyakuzibhaqa sowuthyal’eso sifuba, wohlukene nobo butyutyusi, usithi: “Utsho oYingcwele kaSirayeli”.
Ukuba unolangazelelo lokwazi ngamanyathelo okukwenza umshumayeli ophum’izandla, ukuze utsalel’abaninzi kuKristu, funa incwadi endikwenzele yona ethi ‘Sukum’ukhanye‘. Yona izakuhamba nawe ikuthubelezisa kuw’onke amanyathelo okwenziwa koncuthu lwentshumayelo. Cofa apha uzuze ulwazi oluthe vetshe ngale ncwadi.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa


