Preaching

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni

Uloyiko lomshumayeli akuma phambi kwabantu yinto yethu sonke. Naba wena ubabona sebetyhal’izifuba baqale kule ndawo; abazalwanga bengala magagu. Abanye kuthi bazezi zishwayimbana kuba bedalwe ngolo hlobo. Kanti ke abanye bona baba mbuna kuba bephethe izinto zika Thixo, zona ezahlala zifun’intlonipho. Nokuba sisiphina isizathu solo loyiko, noko masingade sitsho obo butyutyusi bakho bukutsho de usizelwe nangabaphulaphuli. …

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni Read More »

Umzekelo wobomi bomshumayeli

Umzekelo wobomi bomshumayeli

Intswelo enkulu kwintshumayelo kukubona ubomi bomshumayeli bungqinelana nalento ayishumayelayo. Ukufundekela kwakhe eqongeni, ibe ikwangako nengxolo yamahlahla awaruqayo akuhla kwelo qonga kukuhlekisa nje ngoThixo kwiintshaba zakhe. Eyona nto ilindelwe liZulu kuwe nakum kukuthi kubaphulaphuli “Landelani aph’emva kwam kuba nam ndilandel’uYesu”. Loo nto umshumayeli akayithethi ebantwini kuba ebaqhayisela, koko uyitsho ethemb’amandl’ezulu. Wazi kakuhle ukuba ngaphandle kweNkosi akanakwenza nto. Kodwa …

Umzekelo wobomi bomshumayeli Read More »

Vangela Ubuye Ufundise

Vangela Ubuye Ufundise

Ukuvangelwa kumoni nokufundiswa kwakhe ngoThixo zizinto ezimbini ezohlukeneyo noxa umsebenzi wazo umnye ikukulungiswa kwalo moni elungiselelwa iZulu. Ukumvangela kukumohlutha kwingalo zongendawo umzise phambi koThixo. Ukufundiswa kwakhe kona kukuhlala phantsi umazise ngentando yalo Thixo athi ngoku umamkele. Le nto inqwa nomlobi wentlanzi ophosa umnatha elwandle, suka eze nayo yonke into ayirugule kuloo manzi ngalo mnatha. Balapho …

Vangela Ubuye Ufundise Read More »

Nyukela Ngasentla

Nyukela Ngasentla

Ethetha nebandla lase Filipi, u Paulos uthi “…ke ndenza nto-nye, ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphutume ngokuxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” [KwabaseFilipi 3:13-14]. Abantu abazizinto ebomini nabaphethe beyintsikelelo nakwisizwe ngabanemigomo ebomini.  Umgomo yinjongo, yinto ubani anga angayiphumeza ebomini. Le isenokuba yimfundo, lishishini, okanye ukuba nosapho.  Ngaphandle kokuba nalo mgomo, akukho nto ubani ayiphumezayo. Abaninzi eluntwini abaphetha …

Nyukela Ngasentla Read More »

Umanyano Ngamandla

Umanyano Ngamandla

Umanyano phakati kosapho luka-Thixo luhlala lunkqenkqeza phambili. Kugwadlwa epulpitini ngabashumayeli wofika bevuselela olu manyano. Esemadolweni amakhosikazi wofika ecengana noThixo ukuba awanike obu bunye. Kanti nasengomeni eli bandla lidumisa, iingoma ezinqwenela ukuba la makholwa mawabe yile mbumba azisale ngasemva. NoYesu xa wayesemadolweni kowona mthandazo mde asishiya nawo kuYohane 17 wathandazela ubunye bosapho lwakhe. Bobu bunye obutsho olu sapho lwangasentla …

Umanyano Ngamandla Read More »