Nyukela Ngasentla

Facebook
Twitter
LinkedIn
Nyukela Ngasentla

Ethetha nebandla lase Filipi, u Paulos uthi “…ke ndenza nto-nye, ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphutume ngokuxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” [KwabaseFilipi 3:13-14].

Abantu abazizinto ebomini nabaphethe beyintsikelelo nakwisizwe ngabanemigomo ebomini. 

Umgomo yinjongo, yinto ubani anga angayiphumeza ebomini. Le isenokuba yimfundo, lishishini, okanye ukuba nosapho. 

Ngaphandle kokuba nalo mgomo, akukho nto ubani ayiphumezayo. Abaninzi eluntwini abaphetha bengongantweni kukuphila nje bengenamgomo. 

Qalisa ubomi unalo mgomo. Bambi bathi yenza umgomo ofikelelekayo ukuze ungathi wakusilela ekuwufezeni usal’uselusizini. Elam lithi kukwalungile nokwenza umgomo ophezulu nofuna amandl’akho onke ukuwufikelela. Zama ukuntingela elangeni uthi nokuba uliphosile ufane uyekuthifinini phakathi kweenkwekhezi. 

Xhobela yonke imiqobo ozakujamelana nayo aph’endleleni. Kaloku yonk’indlela esing’empumelelweni yahlala inezi zithintelo. 

Wakufikelela kule ncochoyi, hlal’uthi tu, uyek’ukuthi nkxwe, uqhayisel’umntu lo wonke ngempumelelo yakho, uxel’imazenkukhu ethi yakubeki’iqanda itsho ngengxolo isazisa wonk’ubani ukuba yon’izele. Bulela izulu kuba lilo elinika le mpumelelo. 
 

Ukuba unolangazelelo lokwazi ngamanyathelo okukwenza umshumayeli ophum’izandla, ukuze utsalel’abaninzi kuKristu, funa incwadi endikwenzele yona ethi ‘Sukum’ukhanye. Yona izakuhamba nawe ikuthubelezisa kuw’onke amanyathelo okwenziwa koncuthu lwentshumayelo. Cofa apha uzuze ulwazi oluthe vetshe ngale ncwadi.

INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.

Dr OT Mngqibisa

Cofa apha ukuze ufumane iintshumayelo zokukuvuselela

Yitsho ngodlwabevu lwe ntshumayelo ngesi sikhokhelo

Share this post

Facebook
Twitter
LinkedIn
Picture of Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa is a preacher and marriage counsellor based in East London, South Africa. He helps preachers to refine their calling and couples to strengthen their marriage through his ministry, Kumanz'obom Ministries, with the purpose of promoting Christian principles in the community.

Keep Reading

WE’D LOVE TO connect with you

hello@kumanzobom.org

(+27) 71 956 3212