Yazana nomntu otshata naye

Facebook
Twitter
LinkedIn
Yazana nomntu otshata naye

“Ukuba ndandisazi konke endikwaziyo ngoku ngoZolile ngaphambi kokuba nditshate naye, ngendingazange ndingene kulo mtshato. Namhlanje ndiyazisola kuba ndibona ngoku izinto endandigazange ndazibona ngoko. Ngokwenene umntu lo ngumva wekhabhathi”. Batshilo abaninzi bexakene nemitshato.

Ukufunda umntu ezakutshata naye, umazi kakuhle –  eyindoda okanye engumfazi – kubaluleke gqitha. Kuya kuxhobisa wena oza kungena naye kulo mtshato. Kukutsho uzihlole ukuba uzakuba nako na ukuhlala naye emtshatweni  eyile ndlela ayiyo. Ukuba awuyixhobelanga le meko, ku ngenzeka ungene kumtshato ozakuba kuwo namhlanje ubuye uwuchithe ngomso.

Apha ujonga isimilo, abazali aphuma kubo, indawo avela kuyo, izihlobo nabantu akhule nabo.  Zazi izinto  azithandayo nazithiyileyo. Zonke ezi zinto ziyakwazi ukumenza le nto ayiyo nazakuhlala eyiyo ngoku seninobabini. Le nto isenokutsho ngoqilima lo mtshato ozinzileyo nowonwabileyo, okanye ikushiye ngathi ufakwe kwindlu ezel’umsi wamadaka. Abaninzi bathe ngokuphosana noku kufundana, bazibhaqa bethothoza kwitsili lemitshato.

Ekufundeni, buza kubantu abakhulu, bona abakwazisa ngokuphangaleleyo kwangamtshato lo. Buza nakwiintanga zakhe zona ezazi unkcukacha ngaye.

Nawe ke kwelakh’icala wabaz’amehlo, ufunde, ubuy’ufunde, ufundisise ngomlingane. Noxa kunjalo, yenze le nto usazi ukuba umntu lo akagqibeki, uhleli ejika-jika, eba yile namhlanje, kanti uyakuba yenye ngomso. Lo nto ungakwazi ukuyibon kuye ngoku, nongakwazi ukuyazi ngaye, yiyekele kuThixo, kuba nguye kakade kuphela obona de abone nentliziyo yomntu, nowazi nengomso lakhe.

Ukuba unga ungatsho ngoqilima lomtshato nongemki nje nomoya, incwadi yam u’Abasebabini ngoku banyamanye’ ilungiselelwe ukukunika loo mtshato. Ukuze uzuz’ulwazi ngale ncwadi, cofa apha.

INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.

Dr OT Mngqibisa

Cofa apha ukuze ufumane iintshumayelo zokukuvuselela

Qinis'umtshato wakho ngesi sikhokhelo

Share this post

Facebook
Twitter
LinkedIn
Picture of Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa

Dr OT Mngqibisa is a preacher and marriage counsellor based in East London, South Africa. He helps preachers to refine their calling and couples to strengthen their marriage through his ministry, Kumanz'obom Ministries, with the purpose of promoting Christian principles in the community.

Keep Reading

WE’D LOVE TO connect with you

hello@kumanzobom.org

(+27) 71 956 3212