Ethetha nebandla lase Filipi, u Paulos uthi “…ke ndenza nto-nye, ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphutume ngokuxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” [KwabaseFilipi 3:13-14].
Abantu abazizinto ebomini nabaphethe beyintsikelelo nakwisizwe ngabanemigomo ebomini.
Umgomo yinjongo, yinto ubani anga angayiphumeza ebomini. Le isenokuba yimfundo, lishishini, okanye ukuba nosapho.
Ngaphandle kokuba nalo mgomo, akukho nto ubani ayiphumezayo. Abaninzi eluntwini abaphetha bengongantweni kukuphila nje bengenamgomo.
Qalisa ubomi unalo mgomo. Bambi bathi yenza umgomo ofikelelekayo ukuze ungathi wakusilela ekuwufezeni usal’uselusizini. Elam lithi kukwalungile nokwenza umgomo ophezulu nofuna amandl’akho onke ukuwufikelela. Zama ukuntingela elangeni uthi nokuba uliphosile ufane uyekuthifinini phakathi kweenkwekhezi.
Xhobela yonke imiqobo ozakujamelana nayo aph’endleleni. Kaloku yonk’indlela esing’empumelelweni yahlala inezi zithintelo.
Wakufikelela kule ncochoyi, hlal’uthi tu, uyek’ukuthi nkxwe, uqhayisel’umntu lo wonke ngempumelelo yakho, uxel’imazenkukhu ethi yakubeki’iqanda itsho ngengxolo isazisa wonk’ubani ukuba yon’izele. Bulela izulu kuba lilo elinika le mpumelelo.
Ukuba unolangazelelo lokwazi ngamanyathelo okukwenza umshumayeli ophum’izandla, ukuze utsalel’abaninzi kuKristu, funa incwadi endikwenzele yona ethi ‘Sukum’ukhanye‘. Yona izakuhamba nawe ikuthubelezisa kuw’onke amanyathelo okwenziwa koncuthu lwentshumayelo. Cofa apha uzuze ulwazi oluthe vetshe ngale ncwadi.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa


