Vuvu

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni

Uloyiko lomshumayeli akuma phambi kwabantu yinto yethu sonke. Naba wena ubabona sebetyhal’izifuba baqale kule ndawo; abazalwanga bengala magagu. Abanye kuthi bazezi zishwayimbana kuba bedalwe ngolo hlobo. Kanti ke abanye bona baba mbuna kuba bephethe izinto zika Thixo, zona ezahlala zifun’intlonipho. Nokuba sisiphina isizathu solo loyiko, noko masingade sitsho obo butyutyusi bakho bukutsho de usizelwe nangabaphulaphuli. …

Ukoyisa Uloyiko Eqongeni Read More »

Intlonelo Emtshatweni

Naphina apho kuhlangene abantu ababini nangaphezulu, ukuhlonelana kuhlala kuyintsika obo budlelwane obuxhathise ngayo. Intlangano yeendladiya ezingenambeko ayihambeli ndawo. Intlonelo luphawu lwamakholwa olutsho le nkolo azibiza ngayo ibe nomkhitha inqwenelwe ngababukeleyo. Esi sisimilo esisuka sosulele nabantwana abasibukele kubazali, nabo ufike besisasaza apho bakhoyo. Amandla embeko anqwa nomntu ozamlayo othi ezizamlela nje yena kusuke bonke abamngqongileyo bazibhaqe …

Intlonelo Emtshatweni Read More »

Umzekelo wobomi bomshumayeli

Umzekelo wobomi bomshumayeli

Intswelo enkulu kwintshumayelo kukubona ubomi bomshumayeli bungqinelana nalento ayishumayelayo. Ukufundekela kwakhe eqongeni, ibe ikwangako nengxolo yamahlahla awaruqayo akuhla kwelo qonga kukuhlekisa nje ngoThixo kwiintshaba zakhe. Eyona nto ilindelwe liZulu kuwe nakum kukuthi kubaphulaphuli “Landelani aph’emva kwam kuba nam ndilandel’uYesu”. Loo nto umshumayeli akayithethi ebantwini kuba ebaqhayisela, koko uyitsho ethemb’amandl’ezulu. Wazi kakuhle ukuba ngaphandle kweNkosi akanakwenza nto. Kodwa …

Umzekelo wobomi bomshumayeli Read More »

Yazana nomntu otshata naye

Yazana nomntu otshata naye

“Ukuba ndandisazi konke endikwaziyo ngoku ngoZolile ngaphambi kokuba nditshate naye, ngendingazange ndingene kulo mtshato. Namhlanje ndiyazisola kuba ndibona ngoku izinto endandigazange ndazibona ngoko. Ngokwenene umntu lo ngumva wekhabhathi”. Batshilo abaninzi bexakene nemitshato. Ukufunda umntu ezakutshata naye, umazi kakuhle –  eyindoda okanye engumfazi – kubaluleke gqitha. Kuya kuxhobisa wena oza kungena naye kulo mtshato. Kukutsho uzihlole ukuba …

Yazana nomntu otshata naye Read More »

Vangela Ubuye Ufundise

Vangela Ubuye Ufundise

Ukuvangelwa kumoni nokufundiswa kwakhe ngoThixo zizinto ezimbini ezohlukeneyo noxa umsebenzi wazo umnye ikukulungiswa kwalo moni elungiselelwa iZulu. Ukumvangela kukumohlutha kwingalo zongendawo umzise phambi koThixo. Ukufundiswa kwakhe kona kukuhlala phantsi umazise ngentando yalo Thixo athi ngoku umamkele. Le nto inqwa nomlobi wentlanzi ophosa umnatha elwandle, suka eze nayo yonke into ayirugule kuloo manzi ngalo mnatha. Balapho …

Vangela Ubuye Ufundise Read More »

Ingaba Uthando Lusekhona na?

Ingaba Uthando Lusekhona na?

Ingaba phofu uthando olu lusekhona na kumlingane wakho xa athi nitshatile kodwa asukathi phe liphandlapha? Lo ngumbuzo ohlal’ubuzwa ngabaninzi xa bezibaqa bekrexezelwa ngabalingane. Lo mkhwa wokuthi umntu esemtshatweni abe ethe swi lukrexezo yinto egqibe nje lonk’eli limiweyo. Omdala nomncikane, ofundileyo nongafundanga, okholwayo nongakholwayo bangene kulo mgxobhozo ngomkhono nesiphanga. Izizathu ezitsho abatshati baxel’inkomo ebethw’eluphondweni bethe ti …

Ingaba Uthando Lusekhona na? Read More »

Nyukela Ngasentla

Nyukela Ngasentla

Ethetha nebandla lase Filipi, u Paulos uthi “…ke ndenza nto-nye, ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphutume ngokuxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” [KwabaseFilipi 3:13-14]. Abantu abazizinto ebomini nabaphethe beyintsikelelo nakwisizwe ngabanemigomo ebomini.  Umgomo yinjongo, yinto ubani anga angayiphumeza ebomini. Le isenokuba yimfundo, lishishini, okanye ukuba nosapho.  Ngaphandle kokuba nalo mgomo, akukho nto ubani ayiphumezayo. Abaninzi eluntwini abaphetha …

Nyukela Ngasentla Read More »

Imbeko phakathi kosapho

Imbeko phakathi kosapho

Kwizinto eziliqela nezakha usapho zilutsho lube luqilima, yimbeko.  Apha sithetha ngokuhloniphana okuqala kubazali de kuye kutsho ebantwaneni. Le yindlela elowo nalowo athetha ngayo nabanye, ukukhathalelana, ukuxhasana, nokucingelana. Le nto iqala kwindoda nomfazi, apho oyindoda ayiphatha inkosikazi njengomlingane, hayi intombi yakhe yamazibulo.  Enjenjalo nomfazi endodeni, angayiphathi njengomnye woonyana bakhe. Ithi ke le ntlonelo yakwenzeka ubone nabantwana sebeyibonisa …

Imbeko phakathi kosapho Read More »

Umanyano Ngamandla

Umanyano Ngamandla

Umanyano phakati kosapho luka-Thixo luhlala lunkqenkqeza phambili. Kugwadlwa epulpitini ngabashumayeli wofika bevuselela olu manyano. Esemadolweni amakhosikazi wofika ecengana noThixo ukuba awanike obu bunye. Kanti nasengomeni eli bandla lidumisa, iingoma ezinqwenela ukuba la makholwa mawabe yile mbumba azisale ngasemva. NoYesu xa wayesemadolweni kowona mthandazo mde asishiya nawo kuYohane 17 wathandazela ubunye bosapho lwakhe. Bobu bunye obutsho olu sapho lwangasentla …

Umanyano Ngamandla Read More »