Ingaba phofu uthando olu lusekhona na kumlingane wakho xa athi nitshatile kodwa asukathi phe liphandlapha?
Lo ngumbuzo ohlal’ubuzwa ngabaninzi xa bezibaqa bekrexezelwa ngabalingane. Lo mkhwa wokuthi umntu esemtshatweni abe ethe swi lukrexezo yinto egqibe nje lonk’eli limiweyo. Omdala nomncikane, ofundileyo nongafundanga, okholwayo nongakholwayo bangene kulo mgxobhozo ngomkhono nesiphanga.
Izizathu ezitsho abatshati baxel’inkomo ebethw’eluphondweni bethe ti liphandl’apha zingangoboya benja. Ewe ukuphelelwa luthando kuwe wen’utshate naye sesinye sezozizathu. Kodwa ke bakho nabaphele bekwelo phandle kukudinwa kukubethwa, ukuthukwa, nokungahoywa aph’emtshatweni. Eneneni kungaphel’iminwe sibalana nezi ngxaki.
Ukuzophula kula malahle asikokuphuma mtshatweni nje qha, koko zikho iindlela esizakuthetha ngazo kwii-email ezilandelayo. Hlala nje wena ubek’indlebe. Ukuzuzana nezi emails, cofa apha ufake igama ne email address yakho ukuba ubungekenzi njalo ngaphambili. Uzakuzuza ne sikhokhelo ngalo mtshato simahla.
Ukuba unga ungatsho ngoqilima lomtshato nongemki nje nomoya, incwadi yam u’Abasebabini ngoku banyamanye’ ilungiselelwe ukukunika loo mtshato. Ukuze uzuz’ulwazi ngale ncwadi, cofa apha.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa
Cofa apha ukuze ufumane iintshumayelo zokukuvuselela


